Jump to content

UMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi-Afrika/Isihlomelo 4

From Wikisource
UMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi-Afrika (1996)
Isihlomelo 4: Imimandla Yentsebenzo Ezinegunya Kuyo Zonke Izindlu Zowiso-mthetho – Eyezwelonke Nezamaphondo
291560UMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi-Afrika — Isihlomelo 4: Imimandla Yentsebenzo Ezinegunya Kuyo Zonke Izindlu Zowiso-mthetho – Eyezwelonke Nezamaphondo1996

iCandelo A

  • Ukulawulwa kwamahlathi emvelo
  • Ulimo
  • Izikhululo zeenqwelo-moya ezingezizo ezamazwe ngamazwe nezelizwe
  • Ukulawulwa kwezilwanyana nezifo zazo
  • Iikhasino, imidyarho, ukungcakaza, ngaphandle kweelothari neetafilana zemidlalo
  • Ukukhuselwa kwabathengi
  • Imicimbi yenkcubeko
  • Ukulawulwa kweentlekele
  • Imfundo kuwo onke amanqanaba, ngaphandle kwemfundo yamaziko emfundo ephakamileyo
  • Okusingqongileyo
  • Iinkonzo zempilo
  • Izindlu
  • Umthetho wemveli nomthetho wesintu, ngokulawulwa siSahluko 12 soMgaqo-siseko
  • Ukukhuthazwa kwemizi-mveliso
  • Inkqubo yeelwimi nokulawulwa kweelwimi ezisemthetweni ukuya kuthi xhaxhe kumda ovunyelwa kokutshiwo sisiqendu 6 soMgaqo-siseko wokuba izindlu zowiso-mthetho zamaphondo ziwise umthetho ngale mibandela
  • Iinkonzo zamajelo eendaba ezilawulwa ngqo okanye ezinikwa ngoorhulumente bamaphondo, ngokulawulwa sisiqendu 192
  • Ukongiwa kwendalo, ngaphandle kwemiyezo yelizwe, imiyezo yelizwe yemithi neentyatyambo, nobuncwane bezinto zaselwandle
  • Amapolisa, ukuya kuthi xhaxhe kumda ovunyelwa kokutshiwo siSahluko 11 soMgaqo- siseko kwinto yokuba izindlu zowiso-mthetho zamaphondo zinokuwis’umthetho ngamapolisa
  • Ukulawulwa kongcoliso
  • Ukuphuhliswa kwabemi
  • Imirhumo yokudluliselwa kobunini bemihlaba nemizi
  • Amashishini karhulumente wephondo ngokumayela nemimandla yentsebenzo ekwesi Sihlomelo nakwiSihlomelo 5
  • Zithuthi zikawonkewonke
  • Imisebenzi eyenziwa ngurhulumente ngokumayela neemfuno zamasebe oorhulumente bamaphondo ekufezeni kwabo iimbopheleleko zokulawula imisebenzi eyabelwe wona ngokukhethekileyo ngokoMgaqo-siseko okanye omnye umthetho
  • Ukucwangciswa nokuphuhliswa kweengingqi
  • Ukulawulwa kwezithuthi ezindleleni
  • Ukulondolozwa komhlaba
  • Ukhenketho
  • Urhwebo
  • Ubunkokeli bomthonyama, ngokulawulwa siSahluko 12 soMgaqo-siseko
  • Ukuphuhliswa kweedolophu namaphandle
  • Ukukhutshelwa kweenqwelo-mafutha amaphepha-mvume
  • Iinkonzo zentlalo-ntle


iCandelo B
Nale micimbi ilandelayo yoorhulumente basekuhlaleni ukuya kuthi xhaxhe koko kuchazwe kwisiqendu 155(6)(a) nese-(7):

  • Ungcoliso lomoya
  • Imimiselo yaxa kusakhiwa
  • Izinto zokunonophelwa kwabantwana
  • Umbane negesi
  • Iinkonzo zokucinywa komlilo
  • Ukhenketho lwasekuhlaleni
  • Izikhululo zeenqwelo-moya zoomasipala
  • Ukucwangciswa koomasipala
  • Iinkonzo zempilo zoomasipala
  • Izithuthi zikawonkewonke zoomasipala
  • Imisebenzi eyenziwa ngurhulumente woomasipala ngokumayela neemfuno zoomasipala ekufezeni kwabo iimbopheleleko zabo zokulawula imisebenzi eyabelwe bona ngokukhethekileyo ngokwalo Mgaqo-siseko okanye omnye umthetho
  • Imidlalo yokungcakaza, izikhitshana, iintango eziselunxwemeni zokukhusela iziko- nqanawa, amangqameko namazibuko-nqanawa, kungaqukwanga ukulawulwa ukuhamba kweenqanawa zamazwe ngamazwe nezelizwe nemicimbi ehlobene noko
  • Ukulawulwa kwezikhukhula kwimimandla enezakhiwo
  • Imimiselo yorhwebo
  • Amanzi neenkonzo zogutyulo eziphelela kwiinkqubo zokunika amanzi anokuselwa namanzi angcolileyo asezindlwini nobuxhakaxhaka bokugutyulwa kwelindle