UMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi-Afrika/Isihlomelo 5
Appearance
iCandelo A
- Iindawo zokuxhelela
- Iinkonzo zeenqwelo zezigulana
- Oovimba abangengabo oovimba belizwe
- Amathala eencwadi angengawo amathala eencwadi elizwe
- Amaphepha-mvume eevenkile zotywala
- Iimuziyam ezingezizo iimuziyam zelizwe
- Izicwangciso zephondo
- Imicimbi yenkcubeko yephondo
- Iindawo nezinto zokuzihlaziya kwiphondo
- Imidlalo kwiphondo
- Iindlela nezithuthi kwiphondo
- Iinkonzo zonyango lwezilwanyana, kungaqukwanga ukulawulwa kwalo msebenzi ufundelweyo
iCandelo B
Nale micimbi yoorhulumente basekuhlaleni ilandelayo, ukuya kuthi xhaxhe kumda ochazwe kwisiqendu 156(6)(a) nese-(7):
- Iibhitshi neendawo zokuzonwabisa
- Izibhengezo ezibhaliweyo nokunanyathiselwa kwezibhengezo kwiindawo zikawonke- wonke
- Imimandla yamadlaka, imizi yabangcwabi nokutshiswa kwezidumbu
- Ukucoca
- Ukulawulwa kwezinto ezicaphukisa uluntu
- Ukulawulwa kwamashishini athengisela uluntu utywala
- Iindawo zokugcinwa, nokunonophelwa nokungcwatywa kwezilwanyana
- Ukubiya
- Ukukhutshelwa kwezinja amaphepha-mvume
- Ukukhutshelwa amaphepha-mvume kwamashishini athengisela uluntu ukutya noku- lawulwa kwawo
- Izinto ezenz’ubomi bube lula zasekuhlaleni
- Iindawo zemidlalo zasekuhlaleni
- Iindawo zemidlalo zasekuhlaleni
- Iimarike
- Iindawo zokuxhelela zikamasipala
- Imiyezo kamasipala nokuzihlaziya
- Iindlela zikamasipala
- Iingxolo
- Iindawo zokugcina izilwanyana ezithinjiweyo
- Iindawo zikawonkewonke
- Ukuthuthwa kwenkunkuma, iindawo zokulahlela inkunkuma, nokulahlwa kwenkunkuma
- Ukurhweba ezitratweni
- Ukukhanya ezitratweni
- Izithuthi neendawo zokupaka